The Association of SA Quantity Surveyors
Public Entrance
History
Role of ASAQS
Career as a Q.S.
ASAQS Reports
Code of Conduct
Management
Staff of ASAQS
Building Cost

 

asaqslogo55

 UKUHLOLA UBUNGAKANANI UMSEBENZI ONOBUNGANGA

 

IIMPAWU

Umhloli wobungakanani kufuneka adlelane nabantu kuwo onke amanqanaba, nokuba ngabaphuculi bomhlaba, iingcibi, iinjineli, oonocanda, amagqwetha nabacwangcisi-mali okanye iikontrakta, iikontrakta ezincinci, ezisaqalayo kunye nabasebenzi nje ngokubanzi.

Abahloli bobungakanani balindeleke ukuba bagcine umgangatho ophezulu womsebenzi wabo kuwo onke amaqela abandakanyekayo, beqinisekisa kananjalo isiphelo esithe nqo seprojekthi.

Ukongeza ekuzisebenzeleni bucala, ubuchwepheshebomhloliwobungakanani buyasetyenziswa kula macandelo alandelayo oqoqosho:

  • ulwakhiwo
  • ukuphuculwa kwezakhiwo
  • urhulumente
  • nezemali

Iinkokeli ezininzi kwilizwe lorhwebo nakwezinye iindawo ngabahloli bobungakanani abaqeqeshiweyo.

WENZA NTONI KANYE UMHLOLI WOBUNGAKANANI?

Imisebenzi yesithethe yokuhlola ubungakanani:

  • ukulungiselela izifundo ezifikelelekayo noqingqo-mali lweeprojekthi esezicetyiwe
  • ukulungiselela amaphepha azisa ngoBungakanani kunye namanye amaxwebhu amaxabiso ukuze kuzuzeke amaxabiso ancomekayo eeprojekthi
  • ukuthethana ngezivumelwano zokwakha
  • ukulungisa amaxwebhu esivumelwano
  • ukuqwalasela indleko nokunika ingxelo kubaxhasi ngexesha lokuyilwa nokwakhiwa kweeprojekthi
  • ukuqikelela ezona ndleko zeeprojekthi..

You may also read this information in:
Afrikaans
Sesotho
Xhosa
English

UKUHLOLA UBUNGAKANANI ngumsebenzi obalaseleyo wamadoda nabafazi abanomnqweno wokuzibandakanya nelizwe elinomdla lokwakha nenkqubela.

Kwilizwe elixinekileyo leendleko ezinyukayo kunye nenkqubela eze ngamandla, indima yomhloli wobungakanani ibalulekile ngoku nangaphezu kokuba yayinjalo ukusungulwa kwalo msebenzi eNgilane ngowe-1785.

Umhloli wobungakanani udlala indawo yomcebisi kwezemali nolwakhiwo, nakumashishini okuphucula izakhiwo, ekwacebisa abaxhasi ngendlela yokusebenzisa imali nangeendlela zokwandisa umthombo woncedo loluntu

 

Ukuphuculwa kwezakhiwo

  • iinkampani zenkqubela
  • ukuziqhuba nobuchwepheshe kwezorhweboUlwakhiwo kunye neenkampani zokwakha ezinkulu okanye ezincinci.

Ukuphuculwa koshishino

  • ukumbiwa
  • inzululwazi ngamatye
  • ushishino oluqatha

Ukuphuculwa koluntu emakhaya, kwimimamdla nakwisizwe ngokusebenzisa amacandelo angasese nakawonke-wonke kwizindlu, iinkonzo zoluntu neeprojekthi zamaziko okusebenza.

Ukuzibandakanya nakweyiphi na iprojekthi efuna ukucetywa, ukuqulunqwa nobuchwepheshe kwezemali norhwebo.

Uphando olunxulumene nokwakha/uqoqosho lwezakhiwo, inzuzo kwinzala yorhwebo, imiba yomsebenzi, uhlahlelo lweendleko ezinxulumene nezixhobo zokwakha nokhetho lwendlela yolwakhiwo nezinye izinto ezinomdla kubaxhasi boshishino lokwakha.

UWUNGENELA NJANI NA UMSEBENZI WOKUBA NGUMHLOLI WOBUNGAKANANI?

Zimbini iindlela:

  • isidanga seB.Sc (QS) esithatha iminyaka emine xa ungumfundi osigxina okanye emihlanu xa ungesosigxina
  • idiploma yeminyaka emithathu etheknikhon enokuba sisidanga seB-Tech emva kokongeza unyaka omnye kwizifundo

Kuwo omabini la manqanaba okungenela, ikhona indlela yokuqhubela phambili yobhaliso oluzeleyo njengomhloli wobungakanani oqeqeshiweyo.

Zikhona izifundo zembalelwano zeminyaka emibini eziqinisekisa njengomncedisi kuhlolo lobungakanani.

Iiyunivesithi ezintandathu neetekhnikhon ezilithoba eMzantsi Afrika zinezifundo kwicala lohlolo lobungakanani. Okuqulathwe zizifundo, ulwimi okufundiswa ngalo kunye neemfuno zokungenela zingafumaneka ngqo kula maziko emfundo.

ANGALINDELA UKWAMKELA MALINI UMHLOLI WOBUNGAKANANI?

Ukuba lilungu lomsebenzi ofundelweyo owaziwayo njengoogqirha, iingcibi nabanye - umhloli wobungakanani angalindela ukwamkela umvuzo okwizinga lomsebenzi ofundelweyo. Ukuziqhuba, ukuzinikela ekusebenziseni ubuchwepheshe nokusebenza nzima kunomvuzo oncumisayo kwicala lemali.

OLUNYE ULWAZI

Olunye ulwazi lungafumaneka kuMbutho waseMzantsi Afrika waba Hloli bo Bungakanani ngokutsalela umnxeba kule nombolo (011) 315-4140 nangefikisi (011) 315-3785 okanye ngokubhalela uMphathi, ASAQS, PO Box 3527, Halfway House,1685.

 

 

 

 

envelope

Olunye ulwazi

 


<Home> <CUG> <Public> <Edutech> <Calendar> <News> <Web shop> <Library> <Chat> <Links> <E-mail> <Classifieds> <Search>

+ site created on : 19 May, 1997 + site updated on : 28 Sep, 2011 +

netgro

The Association of South African Quantity Surveyors hold copyright to all information provided by it for use on the Internet.